31. Loo manqatha umbingeleli wowatshisa apho eqongeni, kodwa yona incum yeyababingeleli.
32-33. Umlenze wasekunene wona woba yinxaxheba yombingeleli obenikela igazi kunye namanqatha elo dini lobudlelane.
34. Incum ewanga-wangisiweyo nalo mlenze wasekunene yinxaxheba emayikhutshelwe ababingeleli ngamaSirayeli ngalo lonke ixesha.
35. Le yinxaxheba kaNdikhoyo eyaxhanyulwa nguAron nangoonyana bakhe mhla bamiselwa ebubingelelini.
36. Ngaloo mini yokuthanjiswa kwababingeleli uNdikhoyo wathi amaSirayeli makakhuphe eso sabelo sedini sibe yinxaxheba yabo. Lo ngummiselo omawuhlale uhleli.