30. eze naso ngokwakhe, sibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. Makeze namanqatha aso kunye nencum, aziwanga-wangise zibe ngumnikelo owanga-wangiselwa uNdikhoyo.
31. Loo manqatha umbingeleli wowatshisa apho eqongeni, kodwa yona incum yeyababingeleli.
32-33. Umlenze wasekunene wona woba yinxaxheba yombingeleli obenikela igazi kunye namanqatha elo dini lobudlelane.
34. Incum ewanga-wangisiweyo nalo mlenze wasekunene yinxaxheba emayikhutshelwe ababingeleli ngamaSirayeli ngalo lonke ixesha.
35. Le yinxaxheba kaNdikhoyo eyaxhanyulwa nguAron nangoonyana bakhe mhla bamiselwa ebubingelelini.