Eyonqulo 7:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma.

13. Kweli dini lobudlelane, elikwalidini lokubulela, kufuneka ongezelele ngezonka ezinegwele.

14. Makanikele ngodidi ngalunye kwezi zonka, azenze umnikelo kuNdikhoyo. Zoba zezombingeleli othe watshiza iqonga ngegazi lamadini obudlelane.

15. Inyama yedini lobudlelane kufuneka ityiwe kwangaloo mini inikelwa ngayo; makungabikho nyama isalayo kude kube ngengomso.

Eyonqulo 7