1. Le yinkqubo ephathelele kumadini awodwa entlawulo:
2. Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga.
3. Onke amanqatha makakhutshwe abekwe eqongeni: umsila, namanqatha enyama yangaphakathi,
4. izintso kunye namanqatha azo, kwakunye nomhlehlo.
32-33. Umlenze wasekunene wona woba yinxaxheba yombingeleli obenikela igazi kunye namanqatha elo dini lobudlelane.