Eyonqulo 6:24-30 Ibhayibhile (XHO96)

24. *UNdikhoyo wathi uMosis

25. makagqithisele le nkqubo ephathelele ekwenzeni amadini okungxengxezela isono kuAron noonyana bakhe: Loo nto yokwenza idini iya kuxhelelwa phambi koNdikhoyo apho kuxhelelwa khona izinto zokwenza amadini atshiswayo. Eli dini lelikaNdikhoyo lilonke.

26. Loo mbingeleli wenza elo dini wolityela kwindawo ekhethekileyo enkundleni *yesibingelelo sikaNdikhoyo.

27. Nantoni na echukumise oku kutya yoba nophawu lukaNdikhoyo. Xa isinxibo sitshizwe ligazi laloo nto ixheliweyo, kufuneka sihlanjelwe endaweni ekhethekileyo.

28. Imbiza yodongwe ekuphekwe loo nyama ngayo, kufuneka iqhekezwe; xa iyimbiza yesinyithi kufuneka ikrwelwe, ihlanjwe ngamanzi.

29. Nawuphi na umntu oyindoda ongowomlibo wezindlu zababingeleli angayitya loo nyama. Le yinyama eyodwa.

30. Kodwa xa igazi liziswe esibingelelweni, laza lasetyenziswa ukungxengxezela izono egumbini eliyingcwele, loo nyama mayingatyiwa, mayitshiswe yonke.

Eyonqulo 6