Eyonqulo 5:9-11 Ibhayibhile (XHO96)

9. aze atshize ngenxalenye yegazi lalo apho ecaleni leqonga. Eliseleyo igazi woliphalaza emazantsi eqonga. Lo ngumnikelo wokucamagushela isono.

10. Eyesibini intaka woyenza idini elitshiswayo, njengokomyalelo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe iziphoso.

11. Ukuba loo mntu akanako ukunikela nangamahobe amabini, okanye amavukuthu, wozisa ikhilogram yomgubo wengqolowa, enze ngawo umnikelo. Akayi kugalela mafutha omnquma nantlaka yesiqhumiso kuwo, kuba asingomnikelo wakutya lo, koko eli lidini lokucamagushela isono.

Eyonqulo 5