Eyonqulo 4:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe egazini layo, alityikile kwiimpondo ezikwiikona zeqonga, aze elinye aliphalaze emazantsi eqonga apho,

31. andule ke athathe onke amanqatha, kanye ngalaa ndlela enza ngayo kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni, abe livumba elimnandi kuNdikhoyo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe izono zakhe.

32. Ukuba kukho umntu ozisa igusha ukuza kwenza idini, mayibe yimazi engenasiphako.

33. Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona izinto zokwenza amadini atshiswayo.

Eyonqulo 4