1. “Xa kukho umntu onikela ngenkomo ukuba kwenziwe ngayo idini lobudlelane, loo nkomo mayibe yinkunzi okanye imazi engenasiphako.
2. Loo mntu unikelayo makabeke isandla phezu kwentloko yaloo nkomo, aze ayihlabe apho esangweni *lesibingelelo *sikaNdikhoyo. Ababingeleli bomlibo ka-Aron bona bothi tshize ngegazi elo kumacala onke eqonga.