9. Ungaze uhlangane nodade wenu, nokuba yintombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, nditsho nokuba ingakhulelanga kowenu.
10. Ungaze uhlangane nomzukulwana wakho; linyala elo.
11. Ungaze uhlangane nentombi yeqadi; ngudade wenu lowo.
12. Ungaze uhlangane nodade boyihlo
13. okanye unyokokazi.
14. Ungaze uhlangane nomka-yihlo-mncinci okanye kanyokolume.
15. Ungaze uhlangane nomolokazana wakho,
16. okanye umka-mntakwenu.
17. Ungaze uhlangane nentombi okanye umzukulwana womfazi owakha wahlangana naye; kaloku bayazalana naye. Into enjalo yintlondi.
18. Ungaze umenze umkakho udade bomkakho lo gama asaphilayo umkakho.