Eyonqulo 18:10-25 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ungaze uhlangane nomzukulwana wakho; linyala elo.

11. Ungaze uhlangane nentombi yeqadi; ngudade wenu lowo.

12. Ungaze uhlangane nodade boyihlo

13. okanye unyokokazi.

14. Ungaze uhlangane nomka-yihlo-mncinci okanye kanyokolume.

15. Ungaze uhlangane nomolokazana wakho,

16. okanye umka-mntakwenu.

17. Ungaze uhlangane nentombi okanye umzukulwana womfazi owakha wahlangana naye; kaloku bayazalana naye. Into enjalo yintlondi.

18. Ungaze umenze umkakho udade bomkakho lo gama asaphilayo umkakho.

19. “Ungaze uhlangane nomfazi osexesheni, kuba ùya kuxabheleka ngokwenjenjalo.

20. Ungaze uhlangane nomfazi wenye indoda, kuba linyala loo nto.

21. Unganikezeli namnye umntwana wakho abe yinto yokwenzela *uMoleki idini, kuba loo nto inyelisa igama loThixo wakho. Nditsho mna Ndikhoyo.

22. Indoda mayingahlangani nenye indoda iyenze umfazi, kuba lisikizi elo.

23. Makungabikho ndoda okanye umfazi ohlangana nesilwanyana; loo ntlondi ilisikizi.

24. Ze ningazingcolisi ngezi ntlondi, kuba iintlanga zazixabhela ngenxa yezi zinto. Nditsho iintlanga ezazimi kulo mhlaba, ezi ngoku mna Ndikhoyo ndizikhuphayo kuwo ukuze kuhlale nina.

25. Iintlondi zazo zada zaxabhela nomhlaba lo, ngoku ke ndiwenze ukuba ubabukule abantu ababewumile.

Eyonqulo 18