Eyonqulo 17:7-12 Ibhayibhile (XHO96)

7. AmaSirayeli makangaphindi anganyaniseki kuNdikhoyo ngokuxhelela naphi na, esenzela iindimoni amadini. Esi sithethe amaSirayeli makangaze asityeshele.

8. UmSirayeli okanye umngeneleli othe wenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo, okanye naliphi na elinye idini,

9. ongalenzelanga uNdikhoyo ngasesangweni lesibingelelo, loo mntu kufuneka asikwe ebantwini bakaThixo.

10. UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento engophanga, *uNdikhoyo womfulathela, angabi nabudlelane naye.

11. Igazi bubomi bayo nayiphi na into ephilayo. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo ayalela ukuba kungxengxezelwe ngalo izono zabantu eqongeni. Igazi libubomi, licamagushela izono.

12. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo athe amaSirayeli nabangeneleli maze bangayityi inyama yento engophanga.

Eyonqulo 17