Eyonqulo 17:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi uMosis

2. makagqithisele le mimiselo kuAron nakoonyana bakhe nakumaSirayeli ephela:

3-4. UmSirayeli oxhela inkomo nokuba yigusha nokuba yibhokhwe, eyixhelela elalini okanye nakuyiphi na enye indawo, waphula umthetho xa loo nto angayenzeli ngasesangweni *lesibingelelo. Umntu ongawuthobelanga lo mmiselo wofana nomntu ophalaze igazi, yaye uya kusikwa kumaSirayeli.

5. Intsingiselo yalo mthetho kukuba amaSirayeli awazise kuNdikoyo loo madini ebekade ewaxhelela naphi na. Onke amadini makaziswe kumbingeleli ngasesangweni lesibingelelo, abe ngamadini obudlelane.

6. Umbingeleli uya kutshiza ngegazi elo kumacala onke eqonga ekungeneni kwesibingelelo, aze amanqatha awatshise enzele uNdikhoyo ivumba elimyoli.

Eyonqulo 17