Eyonqulo 16:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. uNdikhoyo wathi kuMosis: “Yithi kumntakwenu uAron makangafan' angene nje emva komkhusane kwelona gumbi lingcwele, kuba kulapho ndibonakala khona elifini ngaphezu kwesivalo sokucamagushela setyesi yomnqophiso. Ukuba uyenzile loo nto uya kufa.

3. Angangena kwelona gumbi lingcwele kuphela xa eza nenkunzana yenkomo yedini lesono kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo.”

4. Wathi uNdikhoyo uAron aze enze ezi zinto: UAron ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele kufuneka ahlambe umzimba, afake izivatho ezizodwa zobubingeleli: ihempe yelinen yangapantsi, ibhulukhwe emfutshane, umbhinqo esinqeni, aze athwale iqhiya.

5. Ibandla lakwaSirayeli lilonke lonikela uAron iinkunzi zeebhokhwe zibe mbini zokwenza idini lesono, kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo.

6. Uya kunikela ngenkunzi yenkomo yokungxengxezela izono zakhe kwakunye nomzi wakhe,

7. andule ke asondeze ezaa bhokhwe zimbini ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.

8. Khona apho ke uya kwenza *iqashiso ngamatye amabini, elinye ilitye libhalwe kuthiwe “ibhokhwe kaNdikhoyo” elinye “ibhokhwe ethwaliswa izono.”

9. Iya kuthi ke loo bhokhwe ichongwe ngeqashiso ukuba yekaNdikhoyo uAron enze ngayo idini lokucamagushela isono,

10. ithi leya iyibhokhwe ethwaliswa izono isondezwe kuNdikhoyo ihleli, ibe sisicamagushelo ngokuthi ikhatshelelwe entlango ithwele izono zesizwe.

11. UAron uya kuza nenkunzi yenkomo yokucamagushela isono sakhe kunye nesomzi wakhe, aze ayixhele.

12. Uya kukha amalahle avuthayo ngomcephe eqongeni eliphambi koNdikhoyo, aze athathe kangangezandla ezibini zentlaka yesiqhumiso ecoliweyo, angene nazo kwelona gumbi lingcwele.

13. Apho ke ngaphambi koNdikhoyo wogalela intlaka yesiqhumiso kuloo malahle, khon' ukuze umsi wesiqhumiso usigubungele isivalo setyesi enobungqina bomnqophiso, ukuze angayiboni, hleze afe akuyibona.

Eyonqulo 16