Eyonqulo 16:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. Apho ke ngaphambi koNdikhoyo wogalela intlaka yesiqhumiso kuloo malahle, khon' ukuze umsi wesiqhumiso usigubungele isivalo setyesi enobungqina bomnqophiso, ukuze angayiboni, hleze afe akuyibona.

14. Uya kwandula ke athi nkxu umnwe wakhe egazini laloo nkunzi yenkomo exheliweyo, ze atshize ngalo umphambili wesivalo setyesi, aze athi tshize kasixhenxe nangaphambi kwetyesi yomnqophiso.

15. Akugqiba ke uya kuxhela laa bhokhwe yedini lokungxengxezela izono zesizwe, azise igazi layo ngaphakathi kwelona gumbi lingcwele, aze atshize ngalo isivalo nomphambili wetyesi yomnqophiso njengoko ebenzile ngegazi lenkunzi yenkomo.

16. Ngokwenjenje ke uyalicamagushela elona gumbi lingcwele ekuxajelweni *ngumlaza wamaSirayeli nazizono zokungeva kwawo. Kufuneka ayenze le nto nasesibingelelweni siphela, kuba kaloku simi kanye embindini welali esuleleke ngumlaza.

Eyonqulo 16