Eyonqulo 15:21-23-33 Ibhayibhile (XHO96)

3. nokuba ukuvuza oko kuhlala kukho, okanye kumana kunqamka.

4. Umandlalo ethi ihlale okanye ilale phezu kwawo, nawo uyasuleleka ngumlaza.

7. Umntu othi ayichukumise loo ndoda naye kufuneka ahlambe impahla yakhe, azihlambe nomzimba, yaye uya kuhlala enomlaza kude kutshone ilanga.

8. Ukuba ithe yatshicela umntu loo ndoda ivuzayo, loo mntu yena kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, yaye uya kuba nomlaza de kutshone ilanga.

9. Isali nokuba sisihlalo ethi loo ndoda inomlaza ihlale kuso, iyasuleleka ngumlaza.

21-23. Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.

24. Xa kukho indoda ethe yahlangana naye lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. Yoba nawo de kube ziintsuku ezisixhenxe; yaye nomandlalo ethi ingqengqe kuwo uba nomlaza nawo.

25. Xa kukho umntu obhinqileyo ohlambayo naxa engekho exesheni lokwenza loo nto, okanye ohlamba naxa seligqithile ixesha lakhe, uba nomlaza ngaye wonke lo gama asahlambayo, kanye njengoko kuba njalo xa esexesheni.

26. Ngalo lonke ke elo xesha umandlalo alala kuwo, kwanento athi ahlale kuyo, iba nomlaza.

27. Umntu othi achukumise ezo zinto uyasuleleka, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe kwakunye nomzimba. Uba nomlaza de kutshone ilanga.

28. Akupheza ukuhlamba kufuneka loo mfazi alinde iintsuku zibe sixhenxe, aze ke ahlambuluke.

29. Ngosuku lwesibhozo kufuneka ase kumbingeleli amahobe amabini, okanye amavukuthu, ngasesangweni lesibingelelo.

30. Umbingeleli wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Yiyo ke leyo indlela yokumcamagushela phambi koNdikhoyo umfazi okuloo meko.

31. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Wakhwebule amaSirayeli kwiimeko ezibangela umlaza, ukuze angasixabheli isibingelelo sam esisembindini welali, hleze afe.”

32. Nguwo lowo ke umyalelo mayelana nendoda evuza ububovu, okanye ethe yazingcolisa ngobudoda,

33. kwakunye nomntu obhinqileyo osexesheni, okanye indoda ethe yahlangana nomfazi onomlaza, kwakunye nabani na ovuza ububovu.

Eyonqulo 15