Eyonqulo 14:26-42 Ibhayibhile (XHO96)

26. aze agalele intwana yamafutha esandleni sakhe sasekhohlo,

27. athi nkxu kuwo umnwe wesandla sakhe sokunene, aze afefe isibingelelo ngalo kasixhenxe,

28. andule atyikile ngamafutha eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene.

29. La mafutha asele esandleni sakhe sasekhohlo umbingeleli kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza, aze ke abe ucanyagushelwe phambi koNdikhoyo.

30-31. Emva koko wenza idini lokucamagushela isono ngelinye lamahobe okanye amavukuthu, aze ngelinye enze idini elitshiswayo, athathe nokutya oku. Uya kwenjenjalo ke ukumcamagushela kuNdikhoyo umntu onomlaza.

32. Yiyo ke leyo inkqubo malunga nomntu obesakuba nesifo solusu esosulelayo kodwa abe engenandlela yokufikelela kwiminikelo eqhelekileyo.

33. *UNdikhoyo wathi kuMosis noAron:

34. “Nakufika kwilizwe laseKanana endininika lona ukuba nime kulo, ze nenjeje mayela nezindlu ezinomngundane: Ukuba kuvele umngundane endlwini ethile kwelo lizwe

35. umnini-ndlu kufuneka aye kubika kumbingeleli esithi: ‘Ndibhaqe into engathi ngumngundane endlwini yam.’

36. Uya kuthi umbingeleli makukhutshwe yonke impahla esendlwini, ngaphambi kokuba aye kuhlola ukungunda oko kusendlwini; kungenjalo yonke into ekuloo ndlu uya kuthi *inomlaza. Uya kuya ke endlwini apho,

37. afike ahlole ukungunda oko. Xa kukho amachaphaza abuluhlaza okanye abubomvu athe gongqo eludongeni,

38. wophuma kuloo ndlu, aze ayitshixe ithuba leentsuku ezisixhenxe.

39. Ngolwesixhenxe usuku wobuya abuye umbingeleli, aze kuyihlola kwakhona loo ndlu. Xa ukungunda kunwenwile,

40. umbingeleli uya kuthi loo matye angundileyo makakhutshwe aphoswe ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma,

41. emva koko athi makuxotyulwe udaka eludongeni lwangaphakathi, luye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma.

42. Endaweni yalawa matye akhutshiweyo kofakwa amanye amatsha, kutyatyekwe nangodaka olutsha.

Eyonqulo 14