13. Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono.
14. Ngoku ke umbingeleli uthi nkxu umnwe egazini, aze atyikile ngalo indlebe yaloo mntu yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene;
15. abuye athathe inxenye yaloo mafutha, ayigalele esandleni sasekhohlo,
16. athi nkxu umnwe wesandla sokunene kuloo mafutha, aze afefe ngawo phambi koNdikhoyo kasixhenxe;
17. ze aphinde acuntsule intwana kwakuloo mafutha asesandleni, atyikile eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yaloo mntu yasekunene, nobhontsi wasekunene, kwakunye nosithupha wasekunene.
18. Amafutha asele esandleni sakhe kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza. Uya kwenjenjalo ke umbingeleli ukucamagushela loo mntu.