10. Ngosuku lwesibhozo kufuneka eze neenkunzi ezimbini zeegusha ezinonyaka omnye kwakunye nemazi yegusha enonyaka, zingabi nasiphako, aphathe kunye neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma, athathe namafutha anganeno kwesiqingatha selitha.
11. Umbingeleli owazisa ukuhlambuluka kwaloo mntu womsondeza naloo minikelo yakhe ekungeneni *kwesibingelelo phambi koNdikhoyo;
12. andule ke umbingeleli athathe enye inkunzi yegusha kunye nalaa mafutha anganeno kwesiqingatha selitha, enze ngazo idini lentlawulo. Wozinikela kuNdikhoyo zibe ngumnikelo owanga-wangiswayo.
13. Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono.
14. Ngoku ke umbingeleli uthi nkxu umnwe egazini, aze atyikile ngalo indlebe yaloo mntu yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene;
15. abuye athathe inxenye yaloo mafutha, ayigalele esandleni sasekhohlo,
16. athi nkxu umnwe wesandla sokunene kuloo mafutha, aze afefe ngawo phambi koNdikhoyo kasixhenxe;
17. ze aphinde acuntsule intwana kwakuloo mafutha asesandleni, atyikile eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yaloo mntu yasekunene, nobhontsi wasekunene, kwakunye nosithupha wasekunene.
18. Amafutha asele esandleni sakhe kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza. Uya kwenjenjalo ke umbingeleli ukucamagushela loo mntu.
19. Emva koko ke umbingeleli kufuneka anikele idini lokucamagushela isono, ukungxengxezela loo mntu unomlaza. Uya kwandula ke anqumle into yokwenza idini elitshiswayo,
20. aze ayinikele eqongeni kunye nomnikelo wokutya. Wokwenjenjalo ke umbingeleli xa ecamagushela umntu; abe ke loo mntu uhlambulukile.
21. Xa ngaba loo mntu ulihlwempu, yaye engenako ukwenza ngenye indlela, kufuneka eze nenkunzi yegusha yokwenza idini lentlawulelo. Eli lidini eliwanga-wangiswa phambi koNdikhoyo ukucamagushela umntu lowo. Kufuneka aphathe nekhilogram enye yomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma aza kuba ngumnikelo wokutya, kwakunye namafutha omnquma anganeno kwesiqingatha selitha.
22. Kufuneka kwakhona eze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini lokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo.
23. Uya kuza nazo ezi zinto ngomhla wesibhozo kumbingeleli, umhla wokuhlanjululwa kwakhe, ekungeneni kwesibingelelo phambi koNdikhoyo.
24. Umbingeleli wothatha igusha yedini lentlawulelo, kunye namafutha omnquma, aziwanga-wangise phambi koNdikhoyo.
25. Kufuneka ayinqumle igusha leyo, aze athi ngentwana yegazi layo atyikile indlebe yasekunene yaloo mntu, nobhontsi wasekunene, kunye nosithupha wasekunene,
26. aze agalele intwana yamafutha esandleni sakhe sasekhohlo,
27. athi nkxu kuwo umnwe wesandla sakhe sokunene, aze afefe isibingelelo ngalo kasixhenxe,
28. andule atyikile ngamafutha eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene.
29. La mafutha asele esandleni sakhe sasekhohlo umbingeleli kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza, aze ke abe ucanyagushelwe phambi koNdikhoyo.
30-31. Emva koko wenza idini lokucamagushela isono ngelinye lamahobe okanye amavukuthu, aze ngelinye enze idini elitshiswayo, athathe nokutya oku. Uya kwenjenjalo ke ukumcamagushela kuNdikhoyo umntu onomlaza.