Eyonqulo 13:8-26 Ibhayibhile (XHO96)

8. Wophinda amxilonge umbingeleli, kuthi ukuba eso silonda siyabhidla, umbingeleli azise ukuba loo mntu unomlaza, unesifo esosulelayo, iqhenqa.IsiHebhere sibiza iqhenqa nezinye iintlobo zezifo zolusu ngegama elinye. Eli gama lidla ngokutolikwa ngeqhenqa, nangona lingathethi lona kuphela.

9. Xa kukho umntu onesifo solusu esosulelayo, kufuneka asiwe kumbingeleli

10. oya kuthi amxilonge. Xa eso silonda saloo mntu sivuthiwe, sinobubovu, sijike noboya baba mhlophe,

11. loo mntu unesifo esibi solusu. Uya kuthi ke umbingeleli azise ukuba lowo unomlaza. Onjalo akayi kuba saba phantsi komgqaliselo, kuba kwaziwa phandle ukuba unomlaza.

12. Xa eso sifo solusu sinwenwe sada sathi gqume wonke umzimba,

13. umbingeleli kufuneka amxilonge lowo. Xa ebona ukuba isifo simthe gqume wonke umzimba, uya kuvakalisa ebantwini ukuba loo mntu akasenawo umlaza ngoku. Ukuba ulusu lwakhe luthe lwajika lwamhlophe, loo mntu uhlambulukile.

14. Kodwa ukuba kuthe kwavela isilonda, usuka kwangoko abe nomlaza.

15. Kufuneka aphinde umbingeleli amxilonge, aze athi akufumana isilonda, azise ukuba loo mntu ubuye wanomlaza. Isilonda sixela isifo solusu esosulelayo; umntu onaso ke unomlaza.

16. Xa sibuye saphola ke isilonda eso, lwaba mhlophe ulusu, loo mntu kufuneka aye kumbingeleli.

17. Umbingeleli uphinda amxilonge. Ukuba ke isilonda eso sikhe samhlophe, umlaza uphelile, umbingeleli kufuneka ukuba azise ukuba loo mntu uhlambulukile.

18. Xa kukho umntu obe nethumba, laza laphila,

19. kuze kuthi kamva kubekho indawo emhlophe ethe fuku, okanye kuvele indawo ebubomvu-bumhlophe kulaa ndawo ibe inethumba, loo mntu kufuneka aye kumbingeleli.

20. Umbingeleli womxilonga, kuthi ke ukuba loo ndawo idumbileyo inzulu kunolusu lwangaphandle, noboya bujike baba mhlophe, kufuneke ke ukuba umbingeleli azise ukuba loo mntu unomlaza. Laa nto iqale ngethumba sisifo solusu esosulelayo.

21. Kodwa xa athe umbingeleli wabona ukuba kuloo ndawo idumbileyo abujikanga baba mhlophe uboya, yaye ayinzulu kugqitha ulusu lwangaphandle, yaye irhawukile, womgcina bucala loo mntu iintsuku zibe sixhenxe.

22. Ukuba loo ndawo ithe yabhidla, umbingeleli wokwazisa ukuba loo mntu unomlaza, kuba unesifo esosulelayo.

23. Kodwa ukuba loo ndawo ihlala injengoko ibinjalo, ingabhidli nokubhidla, isisiva nje sethumba, uya kwazisa ukuba loo mntu akanamlaza, uhlambulukile.

24. Xa umntu ebetshile, size isilonda sivuthwe sibe nobubovu, singarhawuki,

25. kufuneka loo mntu axilongwe ngumbingeleli. Ukuba kufumaneka ukuba uboya bumhlophe, yaye nesilonda sibhidle saba nzulu kunolusu lwangaphandle, loo nto ivele ngokutsha, sisifo esosulelayo solusu. Makazise umbingeleli ukuba loo mntu unomlaza.

26. Kambe ke xa uboya bungajikanga baba mhlophe, nesilonda singenzulu kunolusu lwangaphandle, yaye sirhawukile, loo mntu makagcinwe bucala iintsuku zibe sixhenxe.

Eyonqulo 13