7. Inyama yehagu mayingatyiwa. Kaloku ihagu ineempuphu ezicandekileyo, kodwa ayetyisi.
8. Inyama yezinto ezinjalo maningayityi, ningazichukumisi naxa zifileyo, kuba *zinomlaza.”
9. Kwezasemanzini ningazitya zonke iintlanzi ezinamaphiko okugwedla namaxolo.
41-42. Zonke izinambuzane ezirhubuluzayo, nezirhoqozayo, nezinemilenze emine nangaphezulu, zinezothe; mazingatyiwa.
43. Ze ningazifaki umlaza ngokutya ezo zinto.
44. Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele. Musani ukuzifaka umlaza nangasiphi na isidalwa esirhubuluzayo emhlabeni.
45. NdinguNdikhoyo owanikhupha eJiputa ukuze ndibe nguThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele.
46. Nango ke umyalelo ophathelele kwizilwanyana, neentaka, nento yonke ehlala emanzini, nezinambuzane.
47. Kufuneka nicalule phakathi kwento ehlambulukileyo nenomlaza, nezinto ezityiwayo nezingàtyiwayo.