Eyonqulo 11:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wanika uMosis noAron le miyalelo,

2-3. ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa.

4-6. Kodwa zona iinkamela, neembila, nemivundla, mazingatyiwa. Ewe kambe ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandekanga.

7. Inyama yehagu mayingatyiwa. Kaloku ihagu ineempuphu ezicandekileyo, kodwa ayetyisi.

8. Inyama yezinto ezinjalo maningayityi, ningazichukumisi naxa zifileyo, kuba *zinomlaza.”

13-19. Mazingatyiwa ezi ntlobo zeentaka: oomakhozi, oozikhova, oontloyiya, oozilwangangubo, oozintsikizi, oomaxhalanga, oonomyayi, oozinciniba, ookhwalimanzi, oozingwamza, oozintambanane, oozingcwangube, oomangaba-ngaba, oobhobhoyi, oomalulwane.

24-28. Umntu ochukumise ezi zinto xa zifile woba nomlaza kude kutshone ilanga: iinyamakazi ezineempuphu, ngaphandle kwezo zineempuphu ezicandekileyo, zetyisayo nokwetyisa, kunye nezo zizitho zine zinamathupha. Umntu othe waphatha ezi zinto xa zifile, makahlambe impahla, kodwa woba nomlaza kude kube kutshone ilanga.

29-30. Kwezirhubuluzayo nazi ezingatyiwayo: iintuku, amabuzi, iimpuku, oomacikilishe, ooxam, noomalovane.

41-42. Zonke izinambuzane ezirhubuluzayo, nezirhoqozayo, nezinemilenze emine nangaphezulu, zinezothe; mazingatyiwa.

Eyonqulo 11