Eyonqulo 10:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kaloku igazi layo lingangeniswanga nje esibingelelweni phakathi, bekufuneka niyityele endaweni ekhethekileyo, njengoko bendiniyalele.”

19. UAron waphendula wathi: “Kaloku namhlanje sizise idini lokucamagushela izono kunye nelethu elitshiswayo. Kambe ke uyayiqonda le ntlekele ihlileyo namhlanje! Xa besiyityile ke namhlanje inyama yeli dini ibingamkholisa njani uNdikhoyo loo nto?”

20. UMosis akuyiva loo nto waxola.

Eyonqulo 10