Eyeziqalo 9:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. UThixo wamthamsanqelisa uNowa kunye noonyana bakhe, esithi: “Qhamani nande, nizalise ihlabathi ngenzala yenu.

2. Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu.

3. Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku.

12-13. Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.

14-15. Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula.

Eyeziqalo 9