Eyeziqalo 7:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wathi ke *uNdikhoyo kuNowa: “Ngena enqanaweni nomkakho kunye nosapho lwakho. Ndiphawule ukuba nguwe wedwa kwesi sizukulwana olilungisa.

2. Uze ungenise enqanaweni iinyamakazi ezityiwayo zibe ngasixhenxe, ibe yinkunzi nemazi, kodwa kwezingatyiwayo ibe yinkunzi nemazi zibe ngambini,

3. kwaneendidi zeentaka zibe ngasixhenxe, inkunzi nemazi. Loo nto yenzelwa ukuze zonke ezi ndidi zeenyamakazi neentaka zibuye ziqhame kwakhona elizweni.

4. Emva kweentsuku ezisixhenxe ndiza kunisa imvula eya kutsho iintsuku nobusuku ezingamashumi mane, ukuze itshabalalise yonke into ephilayo endayidalayo.”

5. UNowa wayenza yonke into ayiyalelwa nguNdikhoyo.

15-16. Kweza inkunzi nemazi yazo zonke izinto eziphilayo, zangena apho enqanaweni ngokomyalelo kaThixo. *UNdikhoyo waluvala ucango akungena uNowa.

Eyeziqalo 7