9. Nanga amagqabantshintshi ngoNowa. Lo Nowa wayelilunga lomfo. Kwakungekho siphene kuye phakathi kwabantu bemihla yakhe. Wayehlala enobudlelane noThixo.
10. UNowa wayenoonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete.
11. Lonke uluntu lwalonakele phambi koThixo. Abantu babeziindlobongela zezijama-nkungwini ezigqibe lonke ilizwe.
12. Walibona lonakele ilizwe uThixo, kuba abantu babeziphethe kakubi.
13. Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela.
14. Wena zenzele inqanawa ngamaplanga, ibe namagumbi, uyiqabe itha ngaphandle nangaphakathi.