Eyeziqalo 6:6-18 Ibhayibhile (XHO96)

6. weva into embi ngenxa yokuba wabadala wababeka elizweni.

7. Wathi: “Ndiza kubacima kuphele, bangabikho konke emhlabeni abantu endibadalileyo. Nditsho nkqu neenyamakazi, neentaka, kuba ndiyazisola ngento endabadalela yona.”

8. Kodwa uNowa wamkeleka kuNdikhoyo.

9. Nanga amagqabantshintshi ngoNowa. Lo Nowa wayelilunga lomfo. Kwakungekho siphene kuye phakathi kwabantu bemihla yakhe. Wayehlala enobudlelane noThixo.

10. UNowa wayenoonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete.

11. Lonke uluntu lwalonakele phambi koThixo. Abantu babeziindlobongela zezijama-nkungwini ezigqibe lonke ilizwe.

12. Walibona lonakele ilizwe uThixo, kuba abantu babeziphethe kakubi.

13. Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela.

14. Wena zenzele inqanawa ngamaplanga, ibe namagumbi, uyiqabe itha ngaphandle nangaphakathi.

15. Uzuyenze ibe likhulu leemitha namashumi mathathu anantathu ubude, ibe ngamashumi mabini anambini eemitha ububanzi, zibe lishumi elinesithathu iimitha ukuphakama.

16. Uzuyifake uphahla inqanawa, ushiye isithuba esingamashumi amane anane eesentimitha sibe phakathi kophahla namacala eendonga zenqanawa. Yenze ibe nemigangatho emithathu, ibe nomnyango ecaleni.

17. Ndiza kuthumela izantyala-ntyala zemvula elizweni, zibhubhise yonke into ephilayo. Kuza kufa yonke into,

18. kodwa wena ndiza kukwenzela umnqophiso. Ngena enqanaweni nomkakho kunye noonyana bakho nabafazi babo,

Eyeziqalo 6