Eyeziqalo 6:16-22 Ibhayibhile (XHO96)

16. Uzuyifake uphahla inqanawa, ushiye isithuba esingamashumi amane anane eesentimitha sibe phakathi kophahla namacala eendonga zenqanawa. Yenze ibe nemigangatho emithathu, ibe nomnyango ecaleni.

17. Ndiza kuthumela izantyala-ntyala zemvula elizweni, zibhubhise yonke into ephilayo. Kuza kufa yonke into,

18. kodwa wena ndiza kukwenzela umnqophiso. Ngena enqanaweni nomkakho kunye noonyana bakho nabafazi babo,

19-20. ungenise enqanaweni inkunzi nemazi kwiindidi zonke zezilwanyana neentaka, zona eziya kuza kuwe ukuze zisinde.

21. Uze uphathe iindidi zonke zokutya kwabantu nezilo.”

22. Wayenza yonke loo nto wayixelelwa nguThixo uNowa.

Eyeziqalo 6