Eyeziqalo 6:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lwakuba lwandile uluntu, luthe saa elizweni, kuzelwe namantombazana,

2. oonyana bakaThixo baphandlwa bubuhle beentombi zabantu, bazikhethela abafazi kuzo ngokuzithandela.

3. Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.”

4. Ngezo mini, ukanti nangasemva koko, kwakukho iingxilimbela zabafo elizweni ababezalwa ziintombi zabantu noonyana bakaThixo. Yayingamakroti neendwalutho zamandulo ezo.

5. Uthe ke uNdikhoyo akukuphawula ukuba ngamatshijolo kwabantu elizweni, nokuthi rhoqo kwabo ukuyila ububi,

6. weva into embi ngenxa yokuba wabadala wababeka elizweni.

7. Wathi: “Ndiza kubacima kuphele, bangabikho konke emhlabeni abantu endibadalileyo. Nditsho nkqu neenyamakazi, neentaka, kuba ndiyazisola ngento endabadalela yona.”

8. Kodwa uNowa wamkeleka kuNdikhoyo.

9. Nanga amagqabantshintshi ngoNowa. Lo Nowa wayelilunga lomfo. Kwakungekho siphene kuye phakathi kwabantu bemihla yakhe. Wayehlala enobudlelane noThixo.

10. UNowa wayenoonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete.

11. Lonke uluntu lwalonakele phambi koThixo. Abantu babeziindlobongela zezijama-nkungwini ezigqibe lonke ilizwe.

12. Walibona lonakele ilizwe uThixo, kuba abantu babeziphethe kakubi.

13. Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela.

Eyeziqalo 6