12. Benjenjalo ke oonyana bakaYakobi ukuthobela umyolelo kayise.
13. Bawuthwala umzimba wakhe, bawusa eKanana, bafika bawungcwaba kumqolomba owawuseMakapela, ngasempuma yeMamre, kulaa mhlaba uAbraham wawuthenga kuEfron umHeti, ube yindawo yokungcwabela.
14. Akuba emngcwabile uyise, uJosefu wabuyela eJiputa, kunye nabantakwabo kwakunye naloo nginginya yayimkhaphile.