Eyeziqalo 48:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Xa uthe wazala nyana bambi, abo ke abayi kuba ngabam. Elabo ilifa bolizuza ngoManase noEfrayim.

7. Le nto ndiyenza ngenxa kanyoko uRakeli. Ndaba buhlungu kakhulu ukubhubha kwakhe eKanana, kufuphi ne-Efrata, xa ndandivela ePadan. Ndamngcwaba apho ngakuloo ndlela iya e-Efrata.” (IEfrata yaziwa ngokuba yiBhetelehem.)

8. Uthe uSirayeli akubona oonyana bakaJosefu: “Ngoobani la makhwenkwe?”

9. Uthe kuyise uJosefu: “Aba ngoonyana bam, andiphe bona uThixo apha eJiputa.”Uthe yena: “Basondeze kum, ndibathamsanqelise.”

Eyeziqalo 48