Eyeziqalo 48:20-22 Ibhayibhile (XHO96)

20. Wabathamsanqelisa ke ngaloo mini, esithi: “Xa athamsanqelisa, amaSirayeli aya kunqula athi: ‘Wanga uThixo angakwenza ufuze uEfrayim noManase.’ ” Wenjenjalo ke uYakobi ukumisela uEfrayim abe ngaphezu koManase.

21. Wandula wathi kuJosefu uSirayeli: “Uyabona ke, mna sendiza kufa, kodwa uThixo uza kuba nani, anibuyisele kwilizwe lookhokho.

22. IShekem, endayihlutha kuma-Amori ngekrele nangotolo, ndiyinika wena; iya kumiwa nguwe, ingengabo abakhuluwa bakho.”

Eyeziqalo 48