28. Wahlala apho eJiputa uYakobi, wada wanekhulu linamashumi mane anesixhenxe eminyaka, selegqibe ishumi linesixhenxe leminyaka eJiputa.
29. Kuthe xa seleza kubhubha, uSirayeli wabiza uJosefu unyana wakhe, wathi kuye: “Ukuba uyandithanda beka isandla sakho phantsi kwethanga lam ufunge ukuba akusayi kundingcwabela eJiputa.
30. Uze undithwale uye kundingcwabela apho bangcwatywe khona ookhokho bam.”Wathi uJosefu: “Ndiya kwenjenjalo.”
31. Wathi uSirayeli: “Funga.” Wafunga uJosefu, waza uSirayeli wanqula uThixo ebambelele kumsimelelo wakhe.