1. UJosefu ke waya kumbikela ukumkani, wathi: “Ubawo ufikile; uze nabo bonke abantakwethu, evela eKanana. Uze nako konke okwakhe, yaye nanko elinde eGoshen.”
2. UJosefu uthathe abahlanu kubakhuluwa bakhe, wabasa kukumkani.
3. Ukumkani wababuza wathi: “Msebenzi mni na eniwenzayo?”Bathe bona: “Thina zicaka zakho singamathanda-mfuyo, mhlekazi, kanye njengookhokho bethu.”
4. Baza bathi: “Imbangi yokufudukela kwethu eJiputa yimbalela eyatsho angumqwebedu amadlelo eKanana. Ngako oko izicaka zakho ziyacela ukuba uzivumele zime apha eGoshen.”
5. Ukumkani ubhekise kuJosefu wathi: “Uyihlo nabantakwenu
6. beseJiputa nje, bakowabo; bangahlala apho eGoshen, eyona ndawo inomhlaba otyebileyo. Ukuba kukho amadoda angamachule phakati kwenu, uzuwenze abelusi bemihlambi yam.”
7. UJosefu ke weza noyise, wamazisa kukumkani, waza uYakobi wamthamsanqelisa ukumkani.
14-15. UJosefu wayeyiqokelela yonke imali ekwakuthengwa ngayo ingqolowa, ayise ebhotwe. Yaphela yonke imali eJiputa naseKanana. AmaJiputa ayesiya kuJosefu athi: “Siphe ukutya. Ungathini ukusiyeka sife yindlala, sibe singenayo nemali?”