Eyeziqalo 44:15-17 Ibhayibhile (XHO96)

15. wathi kubo uJosefu: “Niyenzeleni le nto? Beningazi kakade ukuba umntu okwesi sikhundla ndikuso uyakwazi ukuvumisa?”

16. UJuda uthe: “Singathini kuwe, mhlekazi, ukukubonisa ukuba asazani nale nto? Singathini ukuzihlamba? NguThixo olaziyo ityala lethu. Thina sonke ngoku singamabanjwa, asinguye kuphela lo ifunyenwe kuye indebe yakho.”

17. Uthe uJosefu: “Unongekhe; andiyivumi loo nto! Kuza kubanjwa lo ifunyenwe kuye indebe yam qha. Bonke abanye bangagoduka ngoxolo, babuyele kuyise.”

Eyeziqalo 44