13. Hambani naye ke umntakwenu, niye kuloo ndoda.
14. Wanga uThixo uSomandla angayenza mhlophe indlela yenu, ize loo ndoda inenzele inceba, imbuyisele kuni uBhenjamin nalaa mntakwenu useleyo. Ukuba mna kufuneka ndilahlekelwe ngabantwana bam, kulungile.β
15. Bazithatha ke izipho oonyana bakhe kunye nemali eyaneleyo, bahamba baya eJiputa kunye noBhenjamin. Bafika bazazisa kuJosefu.
16. UJosefu akubabona behamba noBhenjamin, wathi kwisicaka esiyintloko: βLa madoda wase endlwini yam. Uze uxhele nokuxhela, khon' ukuze batye nam isidlo sasemini.β
17. Senjenjalo ke isicaka ngokomyalelo kaJosefu.