34. Kodwa ze nize nomninawa wenu kum. Nantso ke into eya kwenza ndiqonde ukuba ngenene anizizo iimpimpi. Ndomkhulula umntakwenu, nani namkeleke kweli lizwe.’ ”
35. Bathi bakuzivula iingxowa zabo, bonke ngabanye bafumana kukho imali ezingxoweni. Bothuka, noyise wothuka.
36. Wathi kubo uYakobi: “Kutheni ngathi nifuna ndilahlekelwe ngabantwana bam bonke nje? Waya ngaphi uJosefu; ephi yena uSimon? Ngoku nifuna uBhenjamin! Kuyo yonke loo nto ndim obulalekayo.”
37. URubhen uthe kuyise: “Ukuba andibuyanga noBhenjamin, uze ubabulale bobabini oonyana bam. Myeke ahambe nam; ndiza kubuya naye.”
38. Wala uYakobi, esithi: “Hayi, akanako ukuhamba nani umntwanam. Umntakwabo wasweleka; selinguye yedwa ngoku oseleyo. Usenokuhlelwa yinto endleleni. Noko sendaluphele ngoku; ingandibulala loo nto.”