Eyeziqalo 42:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi akuva ukuba iyafumaneka ingqolowa eJiputa, uthe koonyana bakhe: “Kutheni ninyabile nje?

2. Ndivile mna ukuba iyafumaneka eJiputa ingqolowa. Yiyani kuyithenga khona, singafi yindlala.”

3. Banduluka ke abakhuluwa bakaJosefu abalishumi ukuya kuthenga ingqolowa eJiputa.

4. Kodwa uYakobi akazange amthume kunye nabo uBhenjamin umninawa kaJosefu, kuba esoyika hleze ahlelwe yinto.

Eyeziqalo 42