Eyeziqalo 40:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”

8. Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.”“NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”

9. Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam,

10. unamasebe amathathu. Kuthe nje kuvele amagqabi, kwantshula iintyatyambo, neediliya zavuthwa.

11. Bendiphethe indebe kakumkani, ndazikha iidiliya ezo, ndazikhamela endebeni, ndazinika ukumkani.”

12. Uthe uJosefu: “Nantsi into ethethwa leli phupha lakho: Amasebe amathathu ziintsuku ezintathu.

13. Ngeentsuku ezintathu ukumkani uza kukukhulula, akuxolele, akubuyisele emsebenzini wakho. Uza kubuya ube yinjoli yendebe yakhe njengoko ubuyiyo ngaphambili.

14. Uzuncede ke kodwa, ungandilibali xa izinto sezikulungele, uncede uthethe ngam kukumkani, ndikhululwe kule ntolongo.

15. Ikakade mna ndebiwa kwilizwe lamaHebhere, ukanti nalapha eJiputa akukho nto ndiyenzileyo ibinokundingenisa entolongweni.”

16. Uthe naye umbhaki wezonka, akubona ukuba into iphupha lenjoli eliyithethayo iyanandipheka, naye walilawula kuJosefu iphupha lakhe, esithi: “Mna, kwelam iphupha bendithwele ngentloko iibhaskiti ezintathu.

17. Kwephezulu ibhaskiti bekukho zonke iindidi zokutya kukakumkani okwenziwa ngumbhaki, kwafika iintaka zakuxhola.”

Eyeziqalo 40