Eyeziqalo 40:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngabusuku buthile bakuba besentolongweni ithutyana, injoli yaba nephupha, kwanaye nombhaki waba nelakhe iphupha. Amaphupha abo ayethetha izinto ngezinto.

6. Akufika kubo uJosefu ngentsasa, wababona bematshekile.

7. Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”

8. Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.”“NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”

9. Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam,

Eyeziqalo 40