Eyeziqalo 4:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAdam wadibana nomkakhe uEfa, waza wakhulelwa. Wazala umntwana oyinkwenkwe, waza wathi: “Ndifumene inkwenkwe ngoncedo *lukaNdikhoyo.” Wamthiya igama ke, wathi nguKayen.

2. Uphinde wazala inkwenkwe: uAbheli. UAbheli wayengumfuyi weempahla, yena uKayen engumlimi.

3. Emva kwethuba uKayen wenzela uNdikhoyo umnikelo ngenxalenye yesivuno sakhe.

4. Yena ke uAbheli wathatha amanqatha kumazibulo omhlambi weegusha zakhe, wenza idini. UNdikhoyo wakholiswa nguAbheli, waneliseka nangumnikelo wakhe,

5. kodwa akanelanga nguKayen nomnikelo wakhe. Waqumba uKayen, waba ntshingi-ntshingi ngumsindo.

6. Wathi ke uNdikhoyo kuKayen: “Uqumbeleni? Kutheni wantshingi-ntshingi?

7. Ukuba ubulungisile, ngewamkelekile; kodwa ke, kuba wenze ububi, isono sesikungxangele emnyango. Isono sifuna ukukulawula, kodwa uze usilwe usoyise.”

8. UKayen wathetha nomninawa wakhe uAbheli. [“Makhe siye endle, mfondini.”] Bathi bakuba besendle, uKayen wajikela umntakwabo, wambulala.

Eyeziqalo 4