Eyeziqalo 37:34-36 Ibhayibhile (XHO96)

34. Wazikrazula izambatho zakhe uYakobi, elusizi; wanxiba ezamarhonya, ezila. Wamzilela ithuba elide unyana wakhe.

35. Beza kumthuthuzela bonke oonyana neentombi zakhe, kodwa wala, akavuma ukuthuthuzeleka. Uthe kubo: “Ndiya kude ndife ndisamzilele umntwana wam.” Wazila rhoqo ke, ezilela unyana wakhe uJosefu.

36. Ngelo xesha amaMidiyan ayeselemthengisile uJosefu eJiputa kuPotifare, elinye lamagosa okumkani waseJiputa, elaliyinduna yabalindi bebhotwe lakomkhulu.

Eyeziqalo 37