7. Unobangela wokuba emke kukuba lo mhlaba wawungasabaneli; imfuyo yabo yayiselininzi kakhulu.
8. UEsawu ke waya kuma kweleentaba e-Edom.
9. Nantsi inzala kaEsawu, ukhoko wamaEdom:
14. Umka-Esawu onguHolibhama intombi ka-Ana lo ungunyana kaZibheyon, yena wazala uJewushe, uJalam, noKora.
15. Nazi ke izizwe ezingumlibo kaEsawu: UElifazi izibulo likaEsawu, nguyise-mkhulu wezi zizwe zilandelayo: amaTema, amaOmare, amaZefo, amaKenazi,
16. amaKora, amaGatam, nama-Amaleki. Bonke aba ngabomlibo ka-Ada umka-Esawu.
17. URuweli, unyana kaEsawu, yena nguyise-mkhulu wezi zizwe: amaNahati, amaZera, amaShama, namaMiza. Bonke aba ngabomlibo kaBhasemati umka-Esawu.
18. Ezi zizwe zilandelayo zingumlibo kaEsawu ngoHolibhama intombi ka-Ana: amaJewushe, amaJalam, namaKora.
19. Zonke ezi zizwe yinzala kaEsawu.
22. ULotan wayengukhoko wamaHori namaHeman. ULotan wayenodade wabo uTimna.
23. UShobhali wayengukhoko wama-Alvani, namaManahati, amaEbhali, amaShefo, namaOnam.