Eyeziqalo 33:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Hamba ngaphambili wena, mna ndolandela, ndicothoza kunye nabantwana kunye nemihlambi, de ndikufumane e-Edom.”

15. Wathi uEsawu: “Xa kunjalo ke makushiyeke namanye amadoda kula ndihamba nawo.”Kodwa wathi uYakobi: “Hayi, akukho mfuneko; kwanele xa ndamkelekile kuwe.”

16. Wanduluka ke ngaloo mini uEsawu ukusinga e-Edom.

17. Kodwa yena uYakobi wenjenjeya esiya eSukoti. Apho wazakhela indlu, nemihlambi yakhe wayenzela uthango. Yiyo loo nto loo ndawo kuthiwa yiSukoti.

18. Ekubuyeni kwakhe ePadan-aram, uYakobi wahamba kakuhle, waya kufika kwidolophu iShekem kwelaseKanana, wamisa apho kufuphi nedolophu leyo.

19. Wawuthenga loo mhlaba kubazukulwana bakaHamore uyise kaShekem ngekhulu leesiliva.

Eyeziqalo 33