Eyeziqalo 32:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi uhambile naye, waza wahlangana nezithunywa zikaThixo endleleni.

2. Uthe akuzibona wavakala esithi: “Ngumkhosi kaThixo lo,” waza wathi loo ndawo yiManayim igama layo.

3. UYakobi wathumela izigidimi ngaphambili ukuba ziye kumntakwabo uEsawu eSeyire, e-Edom.

4. Wathi ze zithi kuye: “Mna, Yakobi, sicaka sakho, ndazisa wena, nkosi yam Esawu, ukuba bekhe ndahlala kwaLabhan, ndaza ndabambezeleka apho kwada kwakalokunje.

Eyeziqalo 32