34. Uthe uLabhan: “Sivene ke, mfo. Masenjenjalo ke.”
35. Kwangaloo mhla uLabhan wazahlula emihlambini zonke iinkunzi zeebhokhwe ezingcitha, kwakunye nezeegusha ezimnyama. Wathi mazaluswe ngoonyana bakhe,
36. bemka nawo loo mhlambi umgama owawunokuthathwa ngeentsuku ezintathu. UYakobi yena wasala neminye imihlambi kaLabhan.
37. UYakobi wagawula iipali ezisemanzi zepampiri, nezom-almondi, kunye nompleyini. Wazixoza amaxolo, kwavela iindawo ezimhlophe.