21. Emva koko wazala intombi, wathi yona nguDayina.
22. UThixo wamva uRakeli, wayiphendula imithandazo yakhe, wamvula wazala.
23. Wakhawula, wazala inkwenkwe. Wathi: “UThixo ulisusile ihlazo lam.”
24. Wathi ke igama layo nguJosefu, esithi: “Wanga uNdikhoyo angandongezela kwaenye inkwenkwe.”
25. Emva kokuvela kukaJosefu, uYakobi wathi kuLabhan: “Ndikhulule, khon' ukuze ndibuyele kowethu.
26. Ndinike abafazi bam nabantwana bam endibasebenzeleyo, ndihambe. Uyakwazi ukubulaleka kwam ndikusebenzela.”
27. Wathi uLabhan: “Mandiyithethe yona into yokuba ndityhilelwe ukuthi ndihlumé ndatsho ndasisinhanha ngenxa yokuba *uNdikhoyo ekusikelele.
28. Ndixelele umvuzo owufunayo nje wena, ndikunike.”
29. Uthe uYakobi: “Wazi kakuhle indlela ebendisebenza ngayo, nento yokuba yande kangakanani na imfuyo yakho ebisaluswa ndim lo.
30. Laa mbinana wawunayo ukufika kwam, yande kakhulu, yaye noNdikhoyo ebekuthamsanqelisa ngenxa yam. Nam ngoku ndifuna ukusebenzela intsapho yam.”
31. “Ndikuhlawule ntoni?” ubuzile uLabhan.Uthe uYakobi: “Andifuni ntlawulo. Ndiza kuhlala ndiyaluse imihlambi yakho, ukuba nje siyavumelana ngale ndawo.
32. Namhlanje ndiza kuya phaya emhlambini, ndifike ndiwakhethe onke amatakane amnyama nazo zonke iibhokhwe ezingcitha. Kuphela komvuzo endiwufunayo ke lowo.
33. Kuya kuba lula ke kamva ukuqonda xa ndibile. Uya kuthi uqonde ngaloo nto ke xa uze kuhlola ukuba ndibile na: xa uthe wafika ndingenazo iibhokhwe ezingcitha, kungekho nagusha imnyama, uya kwazi ukuba ndibile.”