Eyeziqalo 30:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. URakeli wayengekazali mntwana wonke lo gama. Waba nobukhwele ngodade wabo, wavakala esithi kuYakobi: “Ndiphe abantwana; kungenjalo ndisuke ndife kunale nto.”

2. Wacaphuka uYakobi, wathi ukuphendula: “NdinguThixo kakade mna? Uvalwe ndim, ungazali nje?”

3. Uthe uRakeli: “Nanku uBhiliya impelesi yam; ungamngeni nje, andizalele umntwana, nowam umzi wande?”

4. Wayikhulula ke impelesi yakhe, wayinika umyeni wakhe, wayambatha.

5. Wakhulelwa uBhiliya, wazala umntwana oyinkwenkwe.

Eyeziqalo 30