Eyeziqalo 29:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Yayisithi yakuthontelana apho imihlambi, abelusi baliqengqe elo litye, bayikhelele amanzi, babuye balibuyisele elo litye, livale umthombo lowo.

4. Wafika wababuza abelusi uYakobi, wathi: “Bafondini, nisuka phi?”Bathe: “Sivela eHaran.”

5. Uthe: “Niyamazi uLabhan, umzukulwana kaNahore apho?”“Siyamazi,” batshilo ukuphendula.

6. “Usaphila kodwa?”“Ewe, usaphila. Nantso selisiza intombi yakhe uRakeli kunye nomhlambi wakhe.”

7. Uthe uYakobi: “Ingekabi loxesha lakuphethula imihlambi emadlelweni nje eli, kutheni ningazisezi nje ezi gusha, niziyeke zitye?”

8. Baphendula bathi: “Asinakuyenza loo nto ingekapheleli imihlambi. Kufuneka yonke ibekho, ukuze siwuvule umthombo, siyiseze.”

9. URakeli wafika nowakhe umhlambi esathetha nâbo belusi uYakobi.

Eyeziqalo 29