1. Wenjenjeya uYakobi kuhambo lwakhe, wada waya kufika kwilizwe leentlanga zasempumalanga.
2. Wafika kumthombo owawusendle, kukho imihlambi emithathu yeegusha, zithe ncwaba zingqengqe kufuphi nawo. Le mihlambi yayikhelelwa amanzi kuloo mthombo uliso ligqunywe ngelitye.
3. Yayisithi yakuthontelana apho imihlambi, abelusi baliqengqe elo litye, bayikhelele amanzi, babuye balibuyisele elo litye, livale umthombo lowo.
4. Wafika wababuza abelusi uYakobi, wathi: “Bafondini, nisuka phi?”Bathe: “Sivela eHaran.”
5. Uthe: “Niyamazi uLabhan, umzukulwana kaNahore apho?”“Siyamazi,” batshilo ukuphendula.
6. “Usaphila kodwa?”“Ewe, usaphila. Nantso selisiza intombi yakhe uRakeli kunye nomhlambi wakhe.”
7. Uthe uYakobi: “Ingekabi loxesha lakuphethula imihlambi emadlelweni nje eli, kutheni ningazisezi nje ezi gusha, niziyeke zitye?”
8. Baphendula bathi: “Asinakuyenza loo nto ingekapheleli imihlambi. Kufuneka yonke ibekho, ukuze siwuvule umthombo, siyiseze.”
9. URakeli wafika nowakhe umhlambi esathetha nâbo belusi uYakobi.
10. UYakobi akubona uRakeli eqhuba imihlambi kaninalume uLabhan, waya kuliqengqa ilitye, wazipha amanzi iigusha.