Eyeziqalo 28:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. UIsake wabiza uYakobi, wamsikelela, wathi kuye: “Uze ungathathi nanye kwezi ntombi zaseKanana.

2. Hamba uye kulonyoko ePadan-aram, kwaBhetuweli, uzithathele umfazi apho phakathi kweentombi zikanyokolume uLabhan.

3. Wanga uThixo uSomandla angakusikelela, akunike inzala, yande, ibe zizizwe ezininzi.

Eyeziqalo 28